


22 BONA XHOSA - August 1995

OONONGOGO
ABANGABANTWANA

ambalwa angaqeshwanga mntu. Abaqeshi iba ngamadoda adla ngokuthatha isiqingatha semali eyenziwe ngunongogo; aze ke wona abakhusele abahlawulele nemali yebheyile xa bebanjiwe. La madoda aziincukuthu ezitya kula mantombazana.
Kwisitalato iGoud kufike imoto eluhlobo oludala inamadoda amane. Ndiqaphele ukuba 1oo moto iyajikeleza apho kwaye imana ukumisa kufutshane nabanye oonongogo abaselula ithethe nabo. Enye intombazana ithe isihla kwenye imoto ndayibona inika imali kumqhubi waloo moto .
Ndizamile ukuthetha nabantu abebekuloo moto kodwa abakhange bathethe xa ndibathethisa. Kungabanga thuba lide bandiphendule rhabaxa besithi f...off .
Ngokudlana indlebe nabantwana abangamantombazana abathengisa ngemizimba ezitratweni ndifumanise ukuba abanye banyanzelwa ngabazali babo kulo mkhwa mbi. Sukuba abazali bengaphangeli bexhomekeke emalini eza nalo mntwana.
Kwakhona ndibone amantombazana angoonongogo bekhwela ezimotweni zabaxumi babo besiya kwigaraji ephakathi edolophini apho kukho indoda endala engumlindi wesango. Imoto iphuma apho emva kwemizuzu engama-30 ize intombazana inike loo ndoda esesangweni into engathi yimali .
Ndithe xa ndizama ukungena kwesi sakhiwo singenamntu ndabona iibhegi zamanenekazi ezingaphezu kwama-30 ezitepsini . Impendulo endiyifumene kwindoda xa ndizibuza ezo bhegi ithe:
Zezam! Kulungile ndiyakukholelwa! Athini wona amapolisa ngale nto?
Ilungu leHillbrow Crime Prevention Unit , elicele ukuba lingaxelwa igama lalo lithe like liweve amarhe okuba kukho abantwana abathengisa ngemizimba, kodwa alikhange livume ukunaba.
Ilingu eliphezulu lecandelo elijongene nezidakumbisi nokuziphatha kakubi leSAP nelicele ukungachazwa lithe liyanda inani labantwana abathengisa ngemizimba. Lithe kunzima kakhulu ukukuthintela oku kuba amadoda enzisa aba bantwana lo msebenzi akulumkele kakhulu ukubanjwa. Ukwathe oonongogo babantwana bayithengisa imizimba ngendlela elungiselelweyo njengoonongogo abadala.
Ukunqongophala kwemisebenzi, ubuqhetseba kwezopolitiko , nenkqubo yocalucalulo kuMzantsi-Afrika wangaphambili kwenza ukuba esi senzo sibi sibe yinto eyenziwayo nakuMzantsi-Afrika omtsha. Ngenxa yesi senzo sibi kangaka neziphumo zaso zengomso, likhangeleka limfiliba ikamva lelizwe lethu!








Lilele umbethe itshoba kwiNgonyama yaseNatal emva kokugula ixesha elide. Kweli nqaku, uRams Mabote usibalisela ngobomi bakhe

UHARRY
GWALA
UBESEBENZELA
ABANTU
UBOMI BAKHE BONKE!

MHLAWUMBI oyena mntu ubeza kusibalisela kakuhle ngobomi bukaThemba Harry Gwala nguReggie Radebe. Ngelishwa le nkokeli yayizinikele emzabalazweni neyayifudula ilisekela likasihlalo weANC KwaZulu- Natal yagetyengwa ngasekupheleni kuka-1992 ngoko ayinako ukusibalisela. Kodwa uGwala ubefanele ayinikwe nguye imbeko yokugqibela.
UGwala ubengumntu obekudla ngokuthiwa akoyiki, unenkani, uthanda ukulwa, yaye ungumntu ongaluthandiyo uxolo ngamajelo eendaba, ingakumbi awabamhlophe.
Akubalulekanga ukuthi loo magama ebemchaza ngokufanelekileyo na. Eyona nto ibalulekileyo kukuba uGwala uchithe yonke iminyaka ayiphile akuphuma entolongweni elithemba ebantwini ebebebhuqwa ludushe KwaZulu- Natal .
UGwala noSlovo zezona nkokeli bezisaziwa ukuba ziyayixhasa inkqubo yeSocialism emva kokusweleka kukaHani.
Kuthe kwakusweleka uSlovo , abantu abacinezelweyo bazixelela ukuba sebethembele kuGwala, ingakumbi abakwaZulu- Natal .
Njengoko ilizwe laseMzantsi-Afrika lizilele ukusweleka kwale nkokeli, sifanele sibubhiyozele ubomi bayo. Xa sibeka bucala zonke izinto ebezitshiwo ngamajelo eendaba ngaye, uGwala ubengumntu onovelwano, onothando nothetha kamnandi.
Wathi xa wonk'umntu wayeselibele ngaye - enama-69 eminyaka ubudala yaye elibanjwa kwintolongo yaseWestvile wayeluncokolisa usapho lwakhe eluthembisa nokuba uza kubuya azolukhusela kwiNats , i-IFP nabanxaxhi basekunene.
Wathi akukhululwa entolongweni kuba engaphilanga, wamangalisa abalindi beentolongo nabagxeki ngokunyulwa abe ngusihlalo wesebe laseMidlands leANC , waza ngokuhamba kwexesha wayinkokeli yale ngingqi.
Xa wonke umntu wayebongoza abafundi ukuba bafunde, bayeke ugwayimbo, yena wabacebisa ukuba bafunde ukusebenzisa imipu ukuze bakhusele ilizwe labo xa sekufike ixesha.
Le ndoda yakhutshwa entolongweni ineminyaka engama-69 ngo-1988, yazibandakanya nabantu bayo kudushe olwalugquba ePietermaritzburg yaye wayesitsho angafihlisi ukuba abantu mabazikhusele.




UGwala wayengafani nezinye iinkokeli awayevalelwe nazo, yena waphuma entolongweni elibona ilizwe laseMzantsi-Afrika lisafana nangaphambili kokuba avalelwe.
Wayeyiqonda into yokuba kukho ithird force ezama ukugxobha-gxobha ucwangco phakathi kwabantu abacinezelweyo. Le third force yayizimisele ukutshabalalisa iANC nemibutho esebenzisana nayo.
Zithe xa zonke iinkokeli zithetha ngokuba makunikezelwe, uGwala wathi yena abantu mabazikhusele. Zithe xa ezinye iinkokeli zisithi makuthethathethwane, yena wabe esithi makutshatyalaliswe ububi. Uthe xa wonk'umntu ethetha ngoxolo, yena wabe ethetha ngokhuselo lwabantu.
Eneneni uGwala wayefuna ukuziphindezela elutshabeni xa abantu bakwazulu- Natal bekhedamile bengenathemba.
Wayesithi ngoxa ekhuthaza ulutsha ukuba luziphathe kakuhle, aphinde aluququzelele ukuba luzikhusele. Wayeqinisekisa ukuba utshaba lwakhe aluphumeleli nakwintoni na oluyenzayo.
Ngaphandle korhulumente wocalulo wangaphambili namajelo eendaba, omnye umntu owayengathandi kuthethwe ngegama likaHarry Gwala ngumongameli weIFP , uMangosuthu Buthelezi. Nangona zazenzayo iinzame zokuxolelana ezi nkokeli, uGwala wayeyigxeka ngokuphandle i-IFP ngegalelo layo ekuxabaniseni abantu ngelo xesha.
Ngokuhamba kwexesha ujike wafumana isibetho kubahlobo nabantu ababezabalazela inkululeko nabo. i-ANC iqalise ukungamhoyi. Ubesoloko ehlaselwa nguMongameli Nelson Mandela nazezinye iinkokeli ze-ANC ezingekho rhabaxa kakhulu.
UGwala wayesoloko ebizelwa ezintlanganisweni zokumluleka kuba wayesithi udushe yeyona ndlela yokuzikhusela. Ngo-Okthobha ka-1993 uMandela waxelela
oonondaba ukuba uGwala "akahambisani nokuziswa koMzantsi-Afrika omtsha".
Warhoxa ekubeni lilungu lesigqeba seANC ngenxa yokugula okanye ngenxa yezizathu ebezisaziwa nguye.
Kodwa ngenxa yokuthandwa kwakhe lulutsha waphinda wakhethwa wangusihlalo weANC eMidlands . Kukho uluvo lokuba iANC yayiza kuqhekeka ukuba wayenganyulelwanga eso sikhundla.
"kubhetele ndirhoxe ekubeni lilungu lesigqeba
kunokuba ndiyeke ukuba ngusihlalo", watsho koonondaba kwenye inkomfa .
Wayesazi ukuba xa enokuyeka ukuba ngusihlalo, wayengenakuba nampembelelo kwiphondo lakhe ngoxa elilungu lesigqeba esenza izigqibo kwi-ANC .
Phofu ke, naye wayenazo iimpazamo. Wayenamaxesha okwenza iintetho ezikhuthaza umoya wodushe ebantwini. Wayengavumi ukuthobela. Wayeyikhalimela i-ANC yaye wayengakuthandi ukuxelelwa ngeempazamo zakhe. Kodwa sekunjalo wayethandwa ngabantu abaninzi.
Wayekuphela kwendoda eyayikhawuleza ithi mayiphele imfazwe. Wayekuphela kwendoda eyayibalisa amabali abuhlungu ngokubulawa kwabantu yaye ebazi ubomi bokuhlala usoyikela ubomi bakho.
UGwala wazenza wangahlali ngoxolo ngokukhokela abantu bakhe kwimeko yodushe nokufa. Abantwana bakhe, abazukulwana, izalamane nabahlobo, abazange balufumane uthando, ubungezelo novelwano lukayise kuba wayelwela inkululeko yabantu.
Phumla ngoxolo Ngonyama yaseNatal . 


26 BONA XHOSA August 1995

Abaguli abaninzi bengqengqe kwigumbi lokulindela unyango. Abanye kubo
bazigqume ngeengubo, mhlawumbi bazama ukuval'iindlebe kwingxolo.

Ixhegokazi eligulayo lilinde malunga neeyure ezine phambi kokuba lixilongwe ngugqirha.


Imeyitroni yaseKing Edward ihlola umguli owenzakeleyo kwelinye lamagumbi
okulindela asesibhedlele. Naye lo mguli kuye kwafuneka alinde iiyure phambi
kokuba umongikazi amngenise kwenye yeewodi - kuxhomekeka ekubeni zikho na iibhedi .


UNYANGO LWASIMAHLA LUZENZELE
IINGXAKI IZIBHEDLELE ZAMAPHONDO


ILIZWE liba nenkqubela xa abantu balo bephilile ngoko ukuNonophela Impilo yeLizwe kufanele kube yinto yokuqala kuwo nawuphi na urhulumente. Kweli loMzantsi-Afrika, lo mba ubalulekileyo uye awasiwa so iminyaka emininzi.
Izikhalazo zokuba kuphuculwe unyango nezibhedlele, ezokuhlawulwa imivuzo encumisayo nokuphuculwa kweemeko zokusebenza kubasebenzi bezibhedlele sezinexesha elide zingundaba-mlonyeni  kuqwalaselwa ukugwayimba kwabasebenzi bezibhedlele abanganeliswayo ngoxa kuke kwakho neengxelo zeziganeko ezingaqhelekanga zobundlobongela.
Ukukhalaza kwabasebenzi bezibhedlele kuhlokoma kulo lonke eli, kwaye esikubone xa besityelele isibhedlele iKing Edward kube ngumzekelo weengxaki zezibhedlele zamaphondo kweli kukwaligqina nokuba uninzi lwezikhalazo zabo ziyavakala

Xa sijonga esinye sezibhedlele ezikhulu nezidala KwaZulu- Natal , iSibhedlele iKing Edward esiseThekwini, ukunganeliswa kwabasebenzi kuso kunokuba yindlela esifanele sibone ngayo iingxaki zononophelo lwempilo kulo lonke eli.

Ezinye zeengxaki eziphambili abajamelene nazo eKing Edward ngabasebenzi abambalwa, ukungabikho kwendawo nezixhobo ezaneleyo zokunonophela abaguli abaninzi ekufuneka banyangwe mihla le khona.

UGqirha Dwarkapersad ongumphathi





oyintloko eKing Edward kudliwano-ndlebe olulodwa neBona uthe:
Isibhedlele saseKing Edward sincinane gqitha kunenani labaguli esibamkelayo. Sineebhedi ezimalunga nama-2 000, kanti sidla ngokwamkela abaguli abaninzi ngaphezu kwelo nani nto leyo yenza kuxinane.
Sikwajamelana neemeko ezihambis'umzimba njengamaxhoba odushe naweengozi zendlela. Iimeko zokuphathwa kakubi kwabantwana nokudlwengulwa zixhaphakile kodwa osinandawo yaneleyo amaxhoba anokufumana inkathalo ayifunayo kuyo
ingakumbi abantwana.
Enye ingxaki kukuba sinabasebenzi abambalwa yaye oko kubangelwa kukungabikho kwemali . Urhulumente akazihoyanga izicelo zethu zokwandisa inkxaso-mali ukuza kuthi ga ngoku.
 Ngenxa yezi ngxaki, kuye kufuneke abanye abaguli bethu sibathumele kwezinye izibhedlele,. utshilo uGqr. Dwarkapersad .
Xa uhamba kwiiwodi ezahlukeneyo uyawubona umsebenzi ojongene nabasebenzi abambalwa besi sibhedlele. Oogqirha abahlanu kufuneka basebenze ndawonye kwiofisi elingana negumbi lokuhlamba, kwiiwodi ezixineneyo, intlaninge yabaguli ekufuneka ilinde iiyure phambi kokuba ixilongwe, nokuphelelwa lithemba kwabasebenzi abenza umsebenzi omninzi kunik'umbono
Onganik'ithemba.
Iiwodi zokubelekisa zisoloko zizele zime ngeembambo, kwaye ngenxa yokuba mbalwa kwebhedi abasetyhini kunyanzeleka babelekele kumathala okuthwala umguli. Okwenza imeko ibe mbi nangakumbi yinkqubo karhulumente yokubelekisa nokunyanga simahla abantwana ukuya kwabaneminyaka emithandathu. utshilo umongikazi.
Simpheleka sisiya kwiwodi yabantwana uthe: Bekufanele ukuba icocekile le ndawo kodwa ngenxa yokungabikho kwendawo, kufuneka izixhobo namayeza siwagcine epasejini nakwezinye iiwodi . Ezi meko zisenza singabinako ukuwuxhoma umgangatho wempilo oyimfuneko apha.
Uhambise wathi: Abantwana abanezifo ezisulelayo nabangenazo balala ewodini enye, yaye ngokuqinisekileyo abangenazo ezo zifo zibasulela lula. Kodwa akukho nto sinokuyenza xa engekho amagumbi aneleyo abaguli abanezifo ezosulelaya.
Ugqirha esithethe naye nocele ukuba singalixeli igama lakhe uthe: Nakuba kusamkelwa ngabantu abaninzi ukunyangwa simahla kuyingxubakaxaka koogqirha nabongikazi besi sibhedlele. Xa kunje iKing Edward endaweni yokuba ibe liziko lokunyanga isisichasi soko. Ngamany' amaxesha abaguli kufuneka beme emigceni malunga neeyure ezisibhozo phambi kokuba banyangwe.
Ndicebisa ukuba urhulumente akhe ihlomela leKing Edward kufutshane nayo. Kodwa ke oko akunakuthothisa ingxinano apha kuba inani labaguli esibanyangayo linokuzalisa izibhedlele ezithathu ngemini. utshilo.
UMnu. McGlew woqhagamshelwano noluntu kwiSebe leMpilo KwaZulu- Natal noGqr. Zweli Mkhize bavumile ukuba bayaziqonda iingxaki zeKing Edward nezinye izibhedlele kweli phondo.
UMnu. McGlew ucacise wathi: Imbali yezibhedlele ezingafumani nkxaso-mali
yaneleyo ingakumbi KwaZulu- Natal iyashukuxwa epalamente . Ukulungisa umonakalo wethuba elidlulileyo kufumana ingqalelo engxamisekileyo.
Ngo-l999 kobe sekulungisiwe kwaye siqinisekile ukuba inkoliso yezi ngxaki iya kube isonjululwe, utshilo uMnu. McGlew .
Ukwathe uGqr. Mkhize usandul'ukubhengeza ukuba kuza kwakhiwa isibhedlele esiza kudla malunga nama-R688 ezigidi KwaZulu- Natal . Ukwakhiwa kweso sibhedlele kufanele kuzinciphise iingxaki zonyango zeli phondo.
Ukulindela malunga neminyaka emihlanu phambi kokuba iimeko zilungiswe kubonakala kulixesha elide gqitha kwabo basebenza kwezi meko mihla le. Sibanqwenelela impumelelo kwaye sibathandazela ukuba bangaphelelwa ngumonde novelwano banyamezele de lidlule eli thub.



		BONA XHOSA - August 1995 25

26 BONA XHOSA - August 1995
	BONA XHOSA - August 1995 27

